Umnqophiso weKliniki yezomthetho yaseDyunivesithi yaseStellenbosch

Enye yeenjongo eziphambili zeKliniki yezomthetho yaseYunivesithi yaseStellenbosch kukubonelela ngoqeqesho lwezomthetho olusebenzayo kubafundi bezomthetho, amagqwetha asakhasayo, kunye noluntu ngokubanzi. Ngokuhambelana noku, nge-28 Matshi 2018, iKliniki yezomthetho ibambe umsitho apho u Chris Marnewick, iGcisa leNkundla elidumileyo kunye nombhali owaziwayo, wakhokela ingxoxo malunga nobugcisa bokumela abaxhasi kwiinkundla. Ingxoxo yakhe ijolise kakhulu kwi indlela yokubuza imibuzo ephambili kwinkundla (cross-examination), kunye neendlela neengcinga eziphucula izakhono zommeli ukuze enze umsebenzi wakhe ngokufanelekileyo. Abasebenzi kunye nabafundi abathathe inxaxheba bakhuthazwe ukuba bazibandakanye engxoxweni. Kwingxoxo, baphonononge iimeko ezidumileyo ezifana netyala lika-OJ Simpson kunye netyala eliqhubekayo lika-Van Breda, besahlula indlela ezi zakhono zisetyenziswe ngayo, kwaye bethelekisa ukuba zingaphuculwa njani. Abafundi abathathe inxaxheba kulo msitho bachaze ingxoxo njengenye ebi “nezityebi zolwazi” kwaye “inomdla”. IKliniki yezomthetho izimisele ukubamba eminye imisitho enje kwixesha elizayo, ngenjongo yokuphucula izakhono zabafundi kumthetho osebenzayo.