Malunga Nathi

Nazi ezona njongo ziphambili zeKliniki yezoMthetho:
  1. Ukwazisa nokuxhobisa abantu abafanelekayo ngofikelelo olunobulungisa nolunokulingana kwiinkonzo nenkxaso yezomthetho esemgangathweni nefikelelekayo;
  2. Ukuxelela nokuxhobisa abantu abafanelekayo ngokusasazwa nokulungiselelwa kwenkcazelo noqeqesho lwezomthetho olusemgangathweni;
  3. Ukulungiselela uphuhliso olusemagqabini nolobuqu lwamagqwetha asafundayo nabanye abasebenzi beKliniki yezoMthetho, ngeengcebiso, uqeqesho, ukubekw’ esweni nokuqhelana nokusebenzisa umthetho;
  4. Ukulungiselela imfundo, kuquka imfundo yomthetho wezonyango, kubafundi bezomthetho ngokubafundisa nokubaqhelanisa nokusebenza komthetho (ngokusebenzisana neCandelo lezoMthetho leYunivesithi yase-Stellenbosch);
  5. Ukukhuthaza iziseko ezingqingqwa zolawulo; kwaye
  6. Ukulondoloza ubukho beKlinikhi yezoMthetho namandla ayo okunikela iinkonzo ezifanelekayo, ezifikelelekayo;
Ngokufezekiswa kwezi njongo, iKliniki yezoMthetho inegalelo kwiinjongo ezichuliweyo zeYunivesithi ngokuqinisekisa ukuba, kuqala, iqhubeka izimisele ekwenzeni banzi ufikelelo ngokusabela kwiimfuno zabo baxhamla kuyo, ingakumbi abo bahlala kwiindawo ezisesichengeni; ngokwandisa nokuhambisela phambili iprofayili yokwahlukana kwabasebenzi beKliniki yezoMthetho ngokugaya okumandla; ukuphuhlisa nokulondoloza abasebenzi beKliniki yezoMthetho kumaqela abekiweyo; nokuyila inkcubeko nemo ehlangeneyo yeKliniki yezoMthetho eyamkela ukwahlukana nemilinganiselo yeYunivesithi; okwesibini, ukunikezela umsebenzi okumgangatho ophezulu kwinkalo nganye yokusebenza kwayo ngokumilisela nokusebenzisa iinkqubo zokuphendula neenkqubo zokunikela ingxelo kule ntlangano; kanti okokugqibela izama ukufikelela ukuba negalelo kwibutho labantu ngokuthi ngendlela ebonisa ukuzibophelela nengqiqo iqhube amaphulo achuliweyo; ihlola inkqubela rhoqo; yaye isabela nakwimo etshintsha rhoqo esebenza kuyo.