ESIKWENZAYO

Inkqubo yezomthetho yaseMzantsi Africa inokusebenza kuphela ukuba iyafikeleleka yaye iyathembakala emehlweni abantu abaqhelekileyo. IKliniki yezoMthetho imi kwindawo entle ukuze yandise ufikelelo kwezobulungisa kwabangathathi ntweni nabavalalwe amathuba.
IKliniki yezoMthetho ise-18-24 Crozier Street, eStellenbosch, isebenza njenge-ofisi yamagqwetha epheleleyo, enikela ngeenkonzo zomthetho kubantu abangathathi-ntweni nabavalelwe amathuba kwakhona kuqeqeshwa abafundi bezomthetho kunyaka wokugqibela namagqwetha asaqeqeshwayo ngokusebenza komthetho. Amagqwetha namagqwetha asaqeqeshwayo abonakala kumaqonga ohlukeneyo omthetho kwisixeko sase-Boland. Ikliniki ikwakokosa isimo soxanduva ngezokuhlala ngokwenza uqeqesho ngamalungelo akwinqanaba lomgaqo-siseko, ukugxothwa apho ubuhlala khona, ukuphoziswa ematyaleni nobundlobongela kusapho.
IKliniki ikwanikezela ngeenkonzo zokuncedisa zomthetho kumasetyana ee-ofisi aseCeres, Worcester naseBishop Lavis. Abantu abangathathi ntweni nabo abanganikwanga mathuba, bayancedwa ngabasebenzi beKliniki yezomthetho ngemiba eyahlekeneyo enjengokugxothwa kwiindawo abahlala kuzo, uqhawulo-mitshato, umthetho ongqamene nosapho, izinto zokuhlala gabalala kwanamafa. Le Kliniki yezoMthetho ijongene ngokukhethekileyo nokukhutshwa kwabantu ezifama, nto leyo ngoku ingomnye umba obaluleke kakhulu kummandla waseBholani. Ukugxothwa kwiindawo ebebefudula behlala kuzo okudala ukungabi namakhaya zizinto ezingumceli-mngeni kanobom kumalungelo abasebenzi basezifama nabantwana babo. Baba ngabalahlelwa ngaphandle bengenathemba kwaphela lokufumana amakhaya bakhusele iintsapho zabo.