Imibono kunye nenjongo yeKliniki yomthetho
1 Esikholelwa Kuko
1.1 Umbono
Umbono weKliniki yomthetho ku:
- Abahlali abaxhotyisiweyo ngokomthetho nabomeleleyo belungele ukumela amalungelo abo, njengabantu ngabanye okanye njengabahlali;
- Abo baphumelele izifundo zomthetho abaqeqeshwe ngokusemagqabini abakwezona ndawo ziphezulu ngokuphathelele ukuqesheka kwabo; kwakunye
- Nabona bahlali baninzi boMzantsi Afrika abaziphapheleyo iimbopheleleko zabo zobulungisa ekuhlaleni.
1.2 Injongo
Ukwenza umbono wethu ubonakale uyinto eyiyo, iKliniki yezomthetho, ngeemeko zokuncedisana nokubambisana, inika uncedo oluqeqeshelweyo kwezomthetho, imele kwiimeko zokuhlala uluntu olunelungelo kuncedo lwezomthetho eStellenbosch, Ceres, Worcester naseBishop Lavis.
Sinika imfundiso ngezomthetho sidibanisa nendlela yokunika uncedo kwiimeko zokwenyani sisebenzisa abantu abafuna ukumelwa ngokwenene- kubaqeqeshwa kwezomthetho, abafundi abagqibezela izifundo zomthetho nakuluntu ngokubanzi; kubandakanywa abantu abangathathi ntweni nabo abanganikwanga mathuba.
Sinika imfundiso ngezomthetho sidibanisa nendlela yokunika uncedo kwiimeko zokwenyani sisebenzisa abantu abafuna ukumelwa ngokwenene- kubaqeqeshwa kwezomthetho, abafundi abagqibezela izifundo zomthetho nakuluntu ngokubanzi; kubandakanywa abantu abangathathi ntweni nabo abanganikwanga mathuba.
1.3 Izinto esizixabisileyo
IKliniki yezoMthetho ilindele ukuba bonke abaqeshwa balondoloze imilinganiselo esisiseko yentlangano ekuphatheni abathengi, abasebenzi, nabanye ababandakanyekileyo:
- Ukunyaniseka kunye nothando
Ukuzithemba, inkuthalo kunye nothando kulindelekile kwaye ziimpawu zabasebenzi ezibalulekileyo ezilindelwe yiKliniki yoMthetho ukuze iphumeze iinjongo zayo.
- Ukungafihlisi, ukunyaniseka kunye nemfezeko
Isidima seKliniki yoMthetho sixhomekeke ikakhulu kubasebenzi bayo abaziphatha ngentembeko nangendlela enyanisekileyo neselubala. Lenza ilitye lembombo esebenza phezu kwalo iKliniki yoMthetho, ngaphandle kwayo akukho budlelwane bexabiso nokuthembana bunokubakho.
- Intlonipho
IKliniki yoMthetho iyayihlonipha, ixabisile kwaye ikhuthaza iyantlukwano phakathi kwabo bonke abantu apho iyantlukwano enjalo yamkelwa emsebenzini ukukhuthaza nokuphumeza iinjongo zeKliniki yoMthetho.