Fikelela kuNozikhalazo wezeMali weSizwe

Sazisa ngephulo elitsha elinika umdla elivela kuNozikhalazo wezeMali weSizwe (NFO).

Ukuqala ngoMatshi 2026, uNozikhalazo wezeMali weSizwe uzakuba nesebe leofisi yakhe efumaneka rhoqo ngenyanga kwiKlinikhi yezoMthetho yeDyunivesithi yaseStellenbosch.

Amalungu eqela leNFO angabasebenzi kule ofisi ilisebe aza kunikezela ngolwazi ngamalungelo abathengi beenkonzo zemali, kunye nendlela yokufaka isikhalazo kuNozikhalazo wezeMali weSizwe kwimeko yomba ongasonjululwanga kunye nebhanki, inkampani yeinshorensi okanye umnikezeli wekhredithi, okanye kwiimeko apho aba banikezeli ngeenkonzo banokuba benze ngokungafanelekanga, okanye mhlawumbi benze impazamo.

Oku kubakho rhoqo ngenyanga kuzakwenza ukuba ukwazi ukufumana ngokulula iinkonzo ezinikezelwa nguNozikhalazo wezeMali weSizwe.

Tyelela isebe leofisi kaNozikhalazo wezeMali weSizwe kwiKlinikhi yezoMthetho yeDyunivesithi yaseStellenbosch, 18 – 24 Crozier Street, Stellenbosch ukuze ufumane iingcebiso zasimahla neziyimfihlo ngesikhalazo sakho. Siza kwazisa ngemihla eqinisekisiweyo aza kubakho ngayo amalungu eqela leNFO kungekudala, okanye ungaqhagamshelana noNozikhalazo wezeMali weSizwe usebenzisa iinkcukacha zoqhagamshelwano ezilapha ngezantsi.

Wenzani uNozikhalazo wezeMali weSizwe?

UNozikhalazo wezeMali weSizwe unikezela ngeenkonzo ezinobulungisa nezingenamkhethe zokusombulula iingxabano kubathengi beenkonzo zemali eMzantsi Afrika. Uzimele ngokupheleleyo kwaye uthatha isigqibo ngetyala ngalinye ngokusekelwe kwiinyani. Zonke iinkonzo zakhe azihlawulelwa.

UNozikhalazo wezeMali weSizwe angakunceda ekuqosheliseni ukusonjululwa kwezikhalazo ezinexesha elide ziqhuba futhi kananjalo angakwazi ukukunceda ekufumaneni iimali ezilahlekileyo. Ukwanikezela ngeenkonzo zothintelo lobuqhophololo kunye nezokufunda ngezimali.

UNozikhalazo wezeMali weSizwe uzibophelele ekufezekiseni isigunyaziso sakhe soqeqesho kunye nokufundisa ngaphantsi kwentsika yakhe yoXanduva kwezeNtlalo, kwakunye nokuqinisekisa ubulungisa kwezemali.

Eli phulo litsha liyafumaneka kubo bonke abathengi beenkonzo zemali, hayi abo banonxulumano neDyunivesithi kuphela. Lijolise ekwenzeni ukuba iinkonzo zikaNozikhalazo wezeMali weSizwe zifikeleleke kwaye zibe selubala. Kananjalo liza kwandisa ulwazi lwabathengi ngamalungelo noxanduva lwabo kunye neenkonzo zikaNozikhalazo ezifumaneka simahla kubo.

Ungaqhagamshelana noNozikhalazo wezeMali weSizwe ngomnxeba (0860 800 900), uWhatsApp (066 473 0157) okanye i-imeyile (info@nfosa.co.za)

- uNozikhalazo wezeMali weSizwe & uKlinikhi yezoMthetho yeDyunivesithi yaseStellenbosch

Sicela niphulaphule isaziso

Sicela niphulaphule isaziso sukuba, ukusukela ngomhla ka 1 May 2026, iKliniki yoMthetho yaseYunivesithi yaseStellenbosch ayisayi kusatyalela iintsebenzo ezikude zeCeres, eWorcester naseBishop Lavis.