Clinic Spearheading Eviction Work

Stellenbosch University Law Clinic Spearheading Eviction Work

Nettie Welcome, umhlali we-ESTA kanye nowayesuka kuba yiklayenti yeKliniki yezoMthetho yaseYunivesithi yaseStellenbosch, eseyinxalenye yeSebe lezoMthetho, wandwendwela iKliniki ngenjongo zokufumana uncedo lwezomthetho kumba wokukhutshwa endlini. I-Kliniki yayiyi sisibheno sakhe sokugqibela: ” Sahlala kumnyama kwaye singenamanzi ixesha elingange nyanga ezintathu. Ukuba iKliniki ibingasincedanga, ngesasiphoselwe esitalatweni. Siyabulela kakhulu ngenkonzo noncedo esilunikwe yiKliniki. Sibulela kakhulu! ” Ngokufanayo, Nicolas Simen Grobbelaar, umhlali we-PIE kanye nowasuka ukuba yiklayenti yeKliniki, wayeludinga kakhulu uncedo lwezomthetho kumba wakhe we-PIE: “Kwakhona, ndiyabulela ngoncedo lwenu novelwano malunga nalo mba…akuvamanga ukufumana umntu ono velwano kunye nobulungisa…Bendingenza ntoni ngaphandle kwenu? Ndiyabulela ngokususa umthwalo emagxeni am .”

I-Kliniki yezoMthetho inceda abona bantu baninzi abathi bazifumane besengcuphekweni yokugxothwa kwindawo zokuhlala kwiphondi iNtshona Koloni iphela. Kwinyanga edlulileyo (ukusuka ngomhla 1 Oktobha 2019 ukuya kumhla ka 30 Septemba 2020) nangona iKlinikhi ibivaliwe eluntwini ukusuka ngomhla we 26 Matshi ukuya kumhla we 21 Juni ngezizathu zentsholongwane iCOVID-19, amagqwetha kwicandelo le evictions kwiKlinikhi zivule iifayili zeeklayenti ezingama-95 ngemiba enokwenza nokukhutshwa kwabantu kwindawo zohlala. Ezingxaki ziyashiyana, ukusuka kwizicelo zokukhupha umntu kwinkundla kamantyi, ukuya ekumeleni abahlali base fama kuthetha-thethwano nabaphathi befama; ukugrogriswa ngokugxothwa kwabantu; kunye neengxaki ezinokwenza nokuphazamiseka kweenkonzo kweklayenti kwiindawo abahlala kuzo. I-Kliniki yezoMthetho iphinde yaqukumbela imicimbi eyi-121 yeeklayenti ezinokwenzwa nokugxothwa okanye ukuphazamiseka kwemo yentlalo kunyaka odlulileyo. Isebe le-Kliniki yezoMthetho elixhasa ngemiba yokugxothwa kwabantu ngoku lisebenza kumafayile angama-198. Ukusukela ngomhla ka-1 Oktobha 2019 ukuya kumhla ka-30 Septemba 2020, i-Kliniki yezoMthetho iqukumbele ngempumelelo izicelo ezili-26, ngokufikelela kumvumelwano, okanye ngokuphumeza ngokuphumelelayo ukuchasisa izicelo zokukhutshwa kwabantu kwiinkundla.

Iinkonzo zemihla ngemihla zomthetho ze-Klinikhi ziquka ukunika iingcebiso; ukuvela eknkundleni; ukubamba intlanganiso kunye nabameli karhulumente bommandla kunye nomphandle; ukuxoxisana nabameli bomnini-mhlaba, egameni labahlali, ukufikelela kwisivumelwano ezamkelekayo ngokubambisana; kunye nokubamba imisitho yoqeqesho kuluntu lwasemaphandleni kunye neenkokheli zasekuhlaleni.

Kwiminyaka ephelileyo, i-Law Clinic iphinde yanceda ngempumelelo iintsapho ezili-36 ezivela kwiifama zaseStellenbosch, Paarl, Simondium naseWellington. Ezi ntsapho zonke zihlaliswe kwiindawo ezibhaliswe okanye eziya kuthi zibhaliswe ngamagama azo, emva kweenkqubo zokuxoxisana ze-Law Clinic egameni labo. Kwiimeko ezifana nale, uncedo ngokwezimali luye lugqithiselwe kubahlali abo base fama ngabaphathi be fama leyo, kwaye iKlinikhi iye incedisane nabahlali base fama abo kwiingxoxo ezo. Le miqathango yokuxoxisana ivamise ukuhamba phambili ekwenzeni abahlali beefama ekufumaneni izindlu ezizezabo ukuqinesekisa indawo yokuhlala esisigxina.

I-Law Clinic ngoko ayincedisi nje kuphela kumklamo wokuchasa izicelo ezivumela abantu ukuba bephoseleke, iphinde inikeze iingcebiso zomthetho kwi-P.I.E ne-ESTA Act, ukugrogriswa ngoku gxothwa, kunye nezicelo zokubuyiselwa kwabantu kwindawo zokuhlala.