Nikita Stander

Igqwetha Eliphezulu kunye noMphathiswa Osecaleni
UNikita Stander wazibandakanya neKlinikhi yoQeqesho kwezoMthetho njengomcebisi wabafundi kwiKhosi yoQeqesho olubonelela ngamava kwezoMthetho, kwiFakhalthi yoMthetho kunyaka wezifundo zakhe zokugqibela zeLLB ngonyaka wama-2008. Waqala nge-athiklizi zakhe kwiKlinikhi yoQeqesho olubonelela ngamva kwezoMthetho ngoJanuwari wama-2009, akufumana isidanga sakhe seLLB. Emva kokunikezela ii-athiklizi zakhe kuNcedo lwezoMthetho, eMzantsi Afrika ngo-Okthobha wama-2009, wagqibezela ii-athiklizi zakhe apho ngoDisemba wama-2010. Kwathi emva koko wamkelwa njengegqwetha leNkundla ePhakamileyo ngoFebruwari wama-2011. Waqeshwa njengegqwetha kwiKlinikhi yoQeqesho olubonelela ngamava kwezoMthetho ngoFebruwari wama-2011, enceda abaxhasi ngokuchasa izicelo zokukhutshwa ezindlwini nezo zinxulumene nexesha leengxabano zokhuseleko. lwengqesho. Uphumelele njengegqwetha elinelungelo lokuvela kwiNkundla ePhakamileyo. Ukwancede ngeengcebiso abafundi bomthetho kunyaka wabo wokugqibela kwiKlinikhi yoQeqesho ebonelela ngamava kwezoMthetho, ukwanike iingcebiso kumagqwetha asafundayo abhaliswe phantsi kwakhe ngeeNgcebiso zokuSebenza ngoMthetho.
UNikita ufumene isidanga sakhe seLLM (ngokwenza uphando) ngo-Epreli wama-2022.

