IKliniki yoMthetho yeyona ibalaseleyo eAfrika

Ikliniki yoMthetho yaseSU iqatshelwe njenge nkampani yomthetho ephambili eAfrika.
IKliniki yoMthetho yaseYunivesithi yaseStellenbosch (SU) ikhethwe njengomnye wabagqatswa kwisigaba se ‘Specialist Law Firm of the Year’ kwi-African Legal Awards yowe-2018. Le kliniki iba yeyokuqala phakathi kweekliniki zomthetho zeeyunivesithi ukuba ikhethwe kulo mbasa wodumo.
IKliniki yoMthetho iya kukhuphisana nenkampani zomthetho eziphezulu ezifana ne-Allen & Overy, Webber Wentzel, DLA Piper, Bowmans, kunye ne-Spoor & Fisher. I-Spoor & Fisher yayiphumelele lo mbasa ngo-2017.
I-African Legal Awards inika imbeko kwiziphumo ezibalaseleyo, ukugqwesa kunye nokuqanjwa kwezinto ezintsha kushishino lezomthetho eAfrika.
Lo msitho wokuwongwa uya kubanjwa ngu Legal Week — abahleli be The British Legal Awards — kunye ne-Corporate Counsel Association of South Africa (CCASA). Lo msitho uza kudibanisa amagcisa ezomthetho kulo lonke elaseAfrika e The Wanderers Club eJohannesburg, ngoLwesihlanu umhla we-7 Septemba 2018.
“Ukuba phakathi kwabagqatswa kolu khuphiswano yeyona mpumelelo inkulu kwiKliniki yoMthetho, kuba iinkonzo zomthetho ziyinxalenye enye kuphela kweshishini lethu. Sekunjalo, umgangatho weenkonzo zethu usibeka kwinqanaba elifanayo neenkampani zomthetho eziphambili kweli lizwe,” utshilo u Dr Theo Broodryk, oyiNtloko yeKliniki yoMthetho yaseSU.
“Iinkampani zomthetho ezizodwa zidla ngokuthathwa njengazo ezigxile kwicandelo elithile lezomthetho, njenge-mthetho-siseko, ilungelo lobunini bengqondo, njl.,” ucacisile.
IKliniki yoMthetho yaseSU iye yaba nenxaxheba kwityala elibalulekileyo elinempembelelo kwilizwe, njengezityholo zokubandezela amalungelo abantu ezisenokwenza umzekelo kumthetho, kunye nezindululo zokurhoxiswa kwerhafu kwiitampu (tampon tax). Le Kliniki iqatshelwa njengenkokeli kwiindawo ezahlukeneyo zomthetho ezisebenzela kuzo.
Umphumeleli weMbasa yeMpumelelo, ekhethwa yi-CCASA, uya kwaziswa kule nkqubo yokuwongwa. Kunyaka ophelileyo, uNobhala Jikelele wezoBulungisa, uMogoeng Mogoeng, waphumelela lo mbasa.




