IKliniki Yezomthetho Ibambe Indibano eRobertson

Ngomhla we-2 Matshi 2012 (Lwesihlanu), uMarion Hattingh, uChris Julius, kunye noIna-Marie Booysen abavela kwiKliniki Yezomthetho baqhube indibano exoxa ngemiba yezindlu ezikhuselekileyo kunye nezibophelelo zeziphathamandla zikarhulumente ekuhambiseni uxanduva lwabo ngexesha lokugxothwa kwabantu emakhayeni abo.
Le ndibano ibiyeyesihlanu ukusingathwa kulo mmandla weCape Winelands kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo, kwaye injongo yayo ibe kukuqeqesha bonke abasebenzi boomasipala abanoxanduva lwezindlu, kunye namalungu eBhunga lomasipala kwizithili ezintlanu (B-municipalities) ezikwiWinelands. Izixhobo nezinto ezisetyenziswa kulo qeqesho zilungiswe ngokukodwa ngamagqwetha aseKliniki Yezomthetho, kwaye le projekthi ixhaswe ngezimali nguMasipala weSithili saseCape Winelands.
Injongo yolu ngcelele lweendibano kukuphucula ukuqonda ngeengxaki zokuhlala ezijongene nabantu abagxothiweyo emasimini. Ukunciphisa inani labantu abangenamakhaya, kuye kwaziswa iKhodi yeZindlu yeSizwe (National Housing Code) kunye neNkqubo yeZindlu zeNgxamiseko yeSizwe (National Emergency Housing Programme), kunye nolwazi oluhlaziyiweyo lwezigqibo zamajaji ezimiselwe uxanduva lomasipala lokubonelela ngezindlu zexeshana kwabo bagxothiweyo.