New Submissions Made and Accepted

Submission Regarding Proposed Rule Amendments

I-Klinikhi yezomthetho yenze iziphakamiso ezibanzi malunga notshintsho olucetywayo kuMthetho 5 weMigqaliselo yeeNkundla zikaMantyi (Magistrates’ Court Rule 5), ophathelele kwizaziso zenkundla (summons). Ezi ziphakamiso zazijolise ekuqwalaseleni kwakhona indima kunye neemfuno zezaziso ezilula (simple summons) nezidibeneyo (combined summons) ngokwemithetho ephathelele namatyala apho umthetho omisiweyo iNational Credit Act 34 of 2005 usebenza khona. Siyavuya ukuba iBhodi yeeMigqaliselo (Rules Board) isandula ukupapasha utshintsho kule mithetho, ngokuhambelana nezi ziphakamiso, oluzakusebenza ukusukela ngomhla woku-1 kuDisemba 2020. Sijonga olu phuhliso njenge nyathelo elibalulekileyo kwimigudu yokomeleza ukukhuselwa kwabathengi kunye nokufezekisa ubulungisa.