Odwa Nweba

Igqwetha

U-Odwa Nweba uzibandakanye neKlinikhi ebonelela ngamava kwezoMthetho kwiYunivesithi yaseStellenbosch kunyaka wama-2018. Wamkelwa njengegqwetha leNkundla ePhakamileyo ngo-Meyi wama-2018, emva kokuba egqibe ii-athiklizi zakhe kuNcedo lwezoMthetho ngo-Apreli wama-2018. Ufumene isidanga sakhe se-LLB kwiYunivesithi yaseFort Hare waza wagqibezela uQeqesho lwakhe kwezoMthetho kwiSikolo seYunivesithi yaseKapa esibonelela ngamava kwezoMthetho. Ulilungu elibhaliswe njengeGosa lokuThobela (ukuqinisekisa ukuthotyelwa kwemithetho) le -Compliance Institute of Southern Afrika. Uncedisa kwizimangalo jikelele kunye neengcebiso. Unomdla kakhulu ekuncedeni abo bangathathi ntweni kuluntu lwethu.