Yenzani ntoni iKliniki yezoMthetho?
Inkqubo yezomthetho yaseMzantsi Africa inokusebenza kuphela ukuba iyafikeleleka yaye iyathembakala emehlweni abantu abaqhelekileyo. IKliniki yezoMthetho imi kwindawo entle ukuze yandise ufikelelo kwezobulungisa kwabangathathi ntweni nabavalalwe amathuba.
IKliniki yezoMthetho ise-18-24 Crozier Street, eStellenbosch, isebenza njenge-ofisi yamagqwetha epheleleyo, enikela ngeenkonzo zomthetho kubantu abangathathi-ntweni nabavalelwe amathuba kwakhona kuqeqeshwa abafundi bezomthetho kunyaka wokugqibela namagqwetha asaqeqeshwayo ngokusebenza komthetho. Amagqwetha namagqwetha asaqeqeshwayo abonakala kumaqonga ohlukeneyo omthetho kwisixeko sase-Boland.iKliniki ikwalondoloza ukubopheleleka kwezomthetho iqhuba ii-workshop ngokugxothwa kwindawo ohlala kuyo, amatyala amalunga nemali kunye nobundlobongela bosapho.
IKliniki ikwanikela iinkxaso kwiinkonzo zomthetho kwii-ofisi ezise-Ceres, eStellenbosch, kunye naseSomerset West. Abantu abangathathi ntweni nabavalelwe amathuba bancedwa ngabasebenzi bale kliniki yomthetho ngemiba eyahlukeneyo yomthetho njengokugxothwa kwiindawo abahlala kuzo, imiba yoqhawulo-mtshato, umthetho wentsapho amatyala abandakanya imali, nezinye. Le Kliniki yezoMthetho ijongene ngokukhethekileyo nokukhutshwa kwabantu ezifama, nto leyo ngoku ingomnye umba obaluleke kakhulu kummandla waseBholani. Ukukhutshwa kwabantu kwiindawo abahlala kuzo okubangela ukuba bangabi namakhaya kusisisongelo sokwenene kumalungelo abasebenzi basezifama nabantwana babo yaye baba ziindwayinge ezingenathemba lokufumana amakhaya nokukhusela iintsapho zabo.